INKOMFA YOLWIMI YESITHATHU KA SEK MQHAYI | • Credits or Article Source: Gail Pullen • Posted on: 23 July 2011, Last updated on: 25 July 2011 • Search for: Xhosa, Sek Mqhayi
ENGLISH VERSION OF THIS STORY??...CLICK HERE
WALTER
SISULU UNIVERSITY (POTSDAM CAMPUS) 29-30 KWEYOMSINTSI 2011
Ukuzingca ngobuzwe, ukuzazi, inkcubeko
kunye nopolitiko yayizizinto u SEK Mqhayi agxile kuzo xa ebhala. Oku kucace
mhlophe kwiincwadi zakhe ezifana nezi: Ityala
la mawele, U Don Jadu kunye nezinye. Ushumayela ngamandla umanyano kubantu
beentlanga zonke ade athi bakuthi ukuze babesisizwe abamnyama babe
bamanyene.
Inkomfa yoLwimi yesiThathu ka SEK
Mqhayi izama ukulanda ekhondweni lika SEK Mqhayi nabanye ababhali ababephume
izandla ngexesha lika Mqhayi nangaphambili nasemva kwakhe. U Mqhayi xa ebhala
ubeka inkcubeko, ukuthanda isizwe nolwimi njengonqontsonqa. Kwaye ubeka athi
uluntu lwakuhluma ngokoqoqosho xa lukhula nenkcubeko yalo.
UKUTHATHA
INXAXHEBA
Bonke abanomdla wokuba zizithethi
apha bayacelwa ukuba bafake imihlathi engadlulanga kuma- 200 amagama phambi
komhla wama-30 kweyeKhala kulo umiyo. Thumela umhlathi wakho phantsi kwesinye
sezi zihloko zenkomfa leyo kule dilesi yomnatha bonket@amatoledm.co.za okanye ifeksi
ku -086 666 0027. Malunga nengcombolo ethe vetshe qhakamshelana no Mnu B.
Tyhulu kule nombolo -043 701 4152 okanye bonket@amatoledm.co.za
okanye uNjingalwazi C. Botha ku- 040 602 2336 okanye ku cbotha@ufh.ac.za okanye kuMnu L. Sigonyela
kule nombolo -043 726 2600 / lukhanyo@pansalb.org.za ngamaxesha omsebenzi. Le nkomfa iyakube
ibanjelwe e Walter Sisulu University ukuqala kweyama -29-30 kweyo Msintsi kulo
umiyo.
IZIHLOKO
ZENKOMFA
Nazi izihlokwana zenkomfa leyo
ukuze lowo ufaka umhlathi kufuneke kube kanti into azakuthetha ngayo ithetha
kanye ncakasana kwesinye sezizihloko:
·
Ulwimi,
inkcubeko no politiko ngokubona kwababhali bexesha lika Mqhayi
·
Ukulondoloza
iziza zemveli nenkululeko ukukhulisa isizwe
·
Ulwimi
lweenkobe kuqoqosho lwehlabathi olutshintshayo
·
Ukuzingca
ngobuntu bethu ukwakha isizwe
Umhlathi lowo mawume
ngolu hlobo: isihloko, igama lomntu, indawo ovela kuyo (ukuba uyasebenza),
idilesi nenombolo yoqhakamshelwano. Zonke iingcombolo ngale nkomfa mazibhekiswe
kwaba sele bekhankanywe ngasentla
|